Blogs

Fundisa abantwana bakho ngelwandle, nobom base lwandle

27th March 2015

By Zanele Miyaya

Njengabazali sonke siyazi ukuba abantwana bethu likamva lethu ingako kufanele siqalise beselula ubafundisa ngokuhlonipha, nokuthanda indalo yethu ingakumbi ngelwandle zethu ezintle.

Singakwenza njani oko?
• Ngokundwendwela nabo i Akwariyam kunganika abantwana bakho ithuba lokubukela kufutshane izilwane ezifana no krebe,amafudo olwandle,amalulwane nezinye.
• Iincwadi ezithetha ngamalwandle nendalo yalo zingaluncedo kubantwana bakho.
• Ningalubuka ulwandle nabantwana bakho kwi inthenethi.
• Ungabathengela izinto zokudlala eziyimifuziselo yezilwanyana zaselwandle, oku kungabanceda ukuba bokhe ubuhlobo nazo, bangazoyiki xa bezibona.
• Ungenza nabo imidlalo eyimifuziselo yolwandle, umzekelo: Ii aquarium zeplate zamaphepha nezinye.
• ‘Ukutyelela nabo elwandle yeyonanto ilungileyo banoyonwabela’

 Photo by Zanele Miyaya | © Save Our Seas Foundation

Photo by Zanele Miyaya | © Save Our Seas Foundation

Read the english version here