By Zanele Miyaya
Njengabazali sonke siyazi ukuba abantwana bethu likamva lethu ingako kufanele siqalise beselula ubafundisa ngokuhlonipha, nokuthanda indalo yethu ingakumbi ngelwandle zethu ezintle.
Singakwenza njani oko?
•	Ngokundwendwela nabo i Akwariyam  kunganika abantwana bakho ithuba lokubukela kufutshane izilwane ezifana no krebe,amafudo olwandle,amalulwane nezinye.
•	Iincwadi ezithetha ngamalwandle nendalo yalo zingaluncedo kubantwana bakho.
•	Ningalubuka ulwandle nabantwana bakho kwi inthenethi.
•	Ungabathengela izinto zokudlala eziyimifuziselo yezilwanyana zaselwandle, oku kungabanceda ukuba bokhe ubuhlobo nazo, bangazoyiki xa bezibona.
•	Ungenza nabo imidlalo  eyimifuziselo yolwandle, umzekelo: Ii aquarium zeplate zamaphepha nezinye.
•	‘Ukutyelela nabo elwandle yeyonanto ilungileyo banoyonwabela’
Read the english version here